


Ngeli xesha umntwana wakho ufunda ngokukhawuleza. Ngeto xesha uba nomdia nakwizinto ezintsha. Kufuneka umbonise izinto anokuzijonga, azive,
Izinto ezaziwa
Umnlwana wakho uya kuba nmdla iiakwintoni na ombonisa yona. Uyafund ngezinto zehktbathi.

BONA XHOSA - My 1 996 f 9

Abantwana Abancinci

Kumnancli ukubukela umntwana wakho ekhulka. Kwinyanga ephelileyo
sikuxelele ofanele ukulindele kunyaka wokuqala wobomi bomntwana.
Kule nyanga siqwalasela ukukhula kwengqondo yakhe, sikucebise

neendleia onokukukhuthaza ngayo ukufunda kwakhe.

Mfundise kakuhie umntwana wakho




U
 mntwana uqafa eenyanga ezine ukuba nomcJia kwizinto ezikufutshane naye. Uziphuiaphuia ngomdla izinto ezenza ingxolo, abe nomdla nakwizinto ezinemibaia ezikufutshane naye, yaye uya kuphatha nantoni na ayibonayo.
azingcamle okanye eve ivumba Iazo njengomzaii. Uya kufunda ngokukhawuleza ngokubona izinto ezahiukeneyo.

Ukhumbule ukuba umntwana ukhula kakhulu emzimbeni kunyaka wokuqala. Emva kokuba efunde ukuhamba, ufunda ngokukhawuleza ukuthetha. Makhe sijonge oku.

ngumntwana wakho
Ukuya kutsho kwiinyanga ezi-6
Kwiiveki zakhe zokuqala umntwana uyakuqwalasela. Uzama ukuziqhelanisa nezinto ezilapha emhlabeni egxininisa kwizinto azibona rhoqo. Unokulinganisa wena xa uncuma ipxa ufing iintshiyi.
Ngokuya zihamba iinyanga umntwana uya kuya eziqonda izinto zehlabathi. Uya kukuqaphela oko ngokuncuma xa ebona umntu omqhelileyo. Kungekudata uza kuthetha ngendleia yakhe yedwa ngokubhibhidla okanye ngokukhwaza.

Nangona umntwana esemncinane, kuyacaca ukuba uyaziqonda izinto ezimjikeiezileyo. Ngoku uqalisa ukubonisa uKucaphuka nokoyika.

Iinyanga ezintandathu ukuba kwezili-12
Umntwana ufunda igama lakhe yaye uyangxola xa efuna umhoye. Usenokubonakalisa umdla kwizinto ozincokola nabanye abantu aze azame ukunilinganisa.

Ngokuhamba kwexesha uya kuba nezitito azithandayo nangazithandiyo. Uya kufund indiela yakhe yokuthetha nawe -nIqu nokuba ukuthinteta ngesandia ekwenzeni into ofuna ukuyenza.

Ngeli xesha umntwana ukhula ngokukhawuleza. Uya kufunda ukuqhwaba izandta, nokuphakamiseta isandla xa uhamba, afunde namagama anjengebhotite, isicelo, nokuhiamba.















fr#Abantwana Abancinci
Abantwana bayagxola xa befuna ubahoye.



Iinyanga ezili-12 kuse kwezili-18
Umntwna wakho uya kukwazi ukubiza amagama ambalwa, uya kukuva xa usithi makenze izinto ezilula. Njengokuthi phakamisa izandla Yiza ndikuhlambe njalo-njalo.

Ngokuhamba kweenyanga uya kulufunda ulwimi oluthethayo. Nangona esenokuwazi ngamanye amagama oko akumthintela ekubeni azi izivakalisi.

Umntwana wakho uya kwazi amagama amaninzi ngeli xesha - afunde igama elinye kuse kwamathathu ngenyanga. Xa umntwana eneminyaka emibini ubudala, sukuba sesazi amagama angama-200 nangaphezulu.

Umntwana uyakhula nasemzimbeni ngelo xesha. Uya kufunda ukuchaza iinwele zakhe nokuzityela ngokwakhe.

Iinyanga ezili-18 kuse kwiminyaka emi-2
Ngokuya ekhula umntwanma wakho uya kukwazi ukudlala yedwa. Uya kufunda ububona nokubiza izinto azibona rhoqo.

Xa efuna into uya kuza kuwe afune ukuba mhoye. Uya kwamkela izicelo ozenzayo vave azithembe.
Izivakalisi zokuqala
Umntwana uya kuqala athethe izivakalisi ezifutshane. Uya kuqala ukuzithetha na eneminyaka emalunga nesibini kuse kwisithathu. Usenokumva esithi: ndiyathetha ukutya ndikugqibile.

Nangona kubalulekile ukutundisa umntwana indlela yokuthetha, ungamtyhafisi okanye umgxolise xa engatibizanga kakuhte igama. Oko kuya kumenza angathethi rhoqo yaye angazithembi.

Abantwana banomkhwa wokungakwazi ukuthetha kakuhle nokusebenzisa izininzi. Uya kuyifunda indlela eyiyo yokuthetha ngokuhamba kwexesha.

Unyaka wesithathu
Kunyaka wesithathu umntwana wakho kufunda nangakumbi ukuthetha - uya kufunda ukuphika, ukusebenzisa izivakalisi ezide nokubuza imibuzo. Akuqhela ukuthetha uya kuzama ukuziqhelisa nangakumbi.

Sebenzisa eli thuba ukufundisa umntwana indlela yokuncokola. Oku unokukwenza ngokuthetha naye kuba uya kuba namaxesha okulindela ukuba uphendule. Sebenzisa eli xesha ukumfundisa ulwimi ngokumfundisa ezinye izinto ezibalulekileyo ekuthetheni.

Uya kuthi egqiba unyaka wesithathu umntwana wakho, uya kuba ekubuza imibuzo emininzi. Nangona isenokurhuqula imibuzo yakhe, zama kangangoko unako ukuyiphendula. Oko kuya kumnceda afunde nangakumbi indlela ekuthethwa ngayo.










Sebenzisa lonke ithuba olifumanayo ukuphucula ulwazi lomntwana wakho



Indlela yokuphucula
ukufunda kwakhe
lbalulekile iminyaka emibini yokuqala yomntwana. Ngokufundisa izinto ezininzi uya kufunda ngokukhawuleza.

Njengomzali kufuneka umfundise ukuthetha umntwana wakho. Xa umntwana engakwazi ukuthetha akakwazi ukuqhagamshelana nabanye abantu. Xa ekufunde kade ukuthetha, uzifunda kade izinto. Nazi izinto onokuzenza ukumnceda ukuze afunde:
* Abantwana bathi besebancinane bazibize ngendlela yabo
izinto. Xa uhleli nomntwana wakho mxelele umphinda-phinde into oyenzayo. Lulumkele ulwimi olusebenzisayo uya ungatshunquli xa uthetha, uya kuqhela ukuthetha
ngolo hlobo aze athethe njengawe.
*	Yiphulaphula into etshiwo ngumntwana wakho nangona
isenokungavakali kuqala. Uya kuyiqonda ngokuhamba kwesha. Ngokumphendula uya kumenza aqhubeke nokusebennzisa ulwimi

























Ungabi ngumzali othuleyo. Zinike ixesha lokufunda umntwana wakho. Thetha naye ngoxa udlala naye. Mxelele into oyenzayo xa ekujongile usebenza
ekhaya.

Ukhumbule ukuba abantwana abakhuli ngokufanayo, ngoko ungakhathazeki xa engakwazi ukuthetha nangona seneminyaka emibini. Ukuba akakwazi ukuthetha nangona eneminyaka emibini nesiqingatha, mse eklinikhi ukuze bakuxelele ukuba mse phi ayokwenziwa uvavanyo. Ungamyeki ixesha elide engakwazi ukuthetha kuba kuyeyona ndlela yokuqhagamshelana nabanye abantu.







Babembalwa abelungu eTranskei. Ekuphela komlungu owayesaziwa nguMadiba ngunovenkile,
amapolisa nabahambi.



22 BONA XHOSA - May 1996

	Abantwana
UKUKHULA UKAMONGAMEL1
MANDELA



Usapho IwakwaMandela lwafuclukela eQunu, ekuyilali engentla kwaseMvezo. Apha kulapho wafumana ulonwabo uMadiba ebuntwaneni bakhe.










Uyise kaMadiba, uGadla Henry Mphakanyiswa, owayeyinkosi yabaThembu, wayeyindoda enenkani. Waphikisana nomantyi waza wasuswa esikhundleni sakhe. Baba buyaphela ubukhosi bakwaMandela ngolo hlobo.


Waqala ukwalusa uMadiba xa eneminyaka emihlanu. Wafunda ukwalusa iinkomo neegusha, wafunda ukudubula iintaka ngesilingi, ukulwa ngeentonga nokukreza ezinkomeni.
Wayefunda kwisikolo esasinegumbi elinye lokufundela. Ngemini yakhe yokuqala esikolweni, wathiywa igama lesiNgesi elithi Nelson yititshalakazi yakhe, uMiss Mdingane. Kwesi sikolo zazingasetyenziswa iincwadi njengakule mihla. Abafundi babesebenzisa izileyiti. Abantwana babebhala ezileyitini ngetshokhwe.



20 BONAXHOSA-May 1996

	Nitundiswa ngephepha likaMondi

	Kubhale uUna Seery. Kuzobe uDee Sneedon.

	lphepha Iesi sihlomelo siliphwe ngabakwaMondi Paper

